top of page

Eliphepha lodwa lingesiXhosa. Oku kukuqonda kwakho lula inkqubo yesicelo. Ifomu yesicelo ibhalwe ngesiNgesi. Zonke iiklasi ze-ICT zifundiswa ngesiNgesi. Siyaqonda ukuba isiNgesi asilolwimi lwakho lokuqala, kodwa uya kusebenza kuso yonke imihla eklasini.

Ukwamkelwa kwezicelo zeKlasi yama-38
4 July 2022 - 31 January 2023
Umhla wokugqibela wokufaka isicelo: 10 June
Iiklasi zifumaneka eKapa kuphela

INKCAZELO ENTSHA EBALULEKE KAKHULU

Iifomu zesicelo azifumaneki ngoku ukuba zikhutshelwe.

Inkqubo yesicelo seKlasi 39 iyatshintshwa.

Inkqubo entsha yokufaka isicelo iya kubhengezwa apha nakwikhasi lethu likaFacebook ungadlulanga umhla woku-1 kuJulayi.

Ukuba ufake isicelo kuKlasi 38, isicelo sakho siya kwamkelwa de kube nguLwesihlanu, we-10 kuJuni.

Akukho zicelo zifunyenweyo emva komhla we-10 kuJuni ziya kwamkelwa kwiKlasi yama-39. Kuya kufuneka ke ulandele inkqubo entsha yokufaka isicelo.

Sinethemba lokuba akukho mntu uya kusala ngasemva. Ukuba unomonde kwaye uqaphele ukuthobela inkqubo yethu entsha, uya kuqwalaselwa kwiklasi.

Enkosi kakhulu ngentsebenziswano yenu.

 

IKLASI YETHU ENTSHA ISEKWE
 

IKLASI NGANYE YINYANGA NGESIXHENXE KWAYE INQANABA IZIGABA EZINTATHU:

ISIGABA SOKUQALA: Iinyanga ezintathu ezinesiqingatha zekhitshi/igumbi lokufundela/izifundo ezenziwayo.

ISIGABA SESIBINI: Uqeqesho lweeveki ezintathu kwindawo yokutyela yaseKapa okanye ehotele.

ISIGABA SESITHATHU: Umsebenzi ohlawulwa iinyanga ezintathu kwindawo yokutyela yaseKapa okanye ehotele.

BONKE ABAFUNDI KUFUNEKA BAGQIBE NGEMPUMELELO ONKE AMAGABA AMATHATHU UKUZE BAPHUMELE ISIGQESHO KWAYE BAFUMANE ISIQINISEKISO SE-ICT.

IIMFUNO EZIKHETHEKILEYO

Kufuneka kubekanti ngonyele i-COVID-19 xa ufake isicelo.

 

Njengomnikelo womoya, kufuneka uphathe ilitye elincinci kuvavanyo lwakho lokuqala, naliphina ilitye.

INGCACISO YEKLASI

Uqeqesho simahla. Bonke abafundi bafumana ibhasari epheleleyo yamahhala.

Abafundi kufuneka bazihlawulele iindleko zabo zothutho kwiinyanga ezimbini zokuqala – kwaye kufuneka ubenayo i-Phone kwaye isoloko ine-airtime kunye neData.

Liklasi ziqala ngo-7:30 am – 4:30 pm, ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu, kuquka iiHolide zikaWonke-wonke, kwakunye nosuku olunye lwempelaveki (nokuba nguMgqibelo okanye ngeCawa).

Akukho zifundo ezimfutshane okanye ezingesosigxina.

Likhosi ziseKapa kuphela.

ULWAZI LOMFUNDI

Awunakufaka isicelo kwi-ICT ukuba nguwe wedwa okanye ungumkhathaleli oyintloko womntwana ongaphantsi kweminyaka emi-2 ubudala. Oku kungenxa yokuba i-ICT ikholelwa ngamandla ukuba umntwana omncinci kufuneka abe nexesha elifanelekileyo kunye nomzali onenkathalo kwaye siyazi ukuba iimfuno zekhitshi lobuchwephesha zinokuphazamisana ngokulula noxanduva olubalulekileyo lwabazali. Asifuni ukuba ukhethe phakathi kokukhathalela umntwana wakho kunye nemisebenzi yakho emsebenzini wakho.

Wamkelekile kwiPhepha lethu leSicelo soMfundi

Kufuneka ube neminyaka eyi-21 okanye ngaphezulu ukuze ufake isicelo.

Awunganzelekenga upase ibanga leshomi.

 

Kufuneka ubesempilweni entle, ukomelela komzimba kunye namandla ayimfuneko ngokupheleleyo.

 

Kufuneka ubenayo i-Phone kwaye isoloko ine-airtime kunye neData.

 

Kufuneka ukwazi inxaso mali yokwela kulo lonke uvavanyo lwakho. Ubomi bakho basekhaya kufuneka buzinze ngokwaneleyo ukuze wenze ngokupheleleyo, i-100% ukuzinikela kwexesha, umzamo kunye namandla kuqeqesho lwakho.

ULWAZI YESICELO

Landela yonke imiqathango ekwizisicelo zethu. Xa isicelo sakho ungagqibanga ukusipendula asizokwamkeleka.

Niza kungena intsuku ezintanthu zovavanyo ukuze wankeleke.

Xa uvavanywe kathathu lonto ayithi wankelekile.

I-ICT inokwamkela abona bantu babini bangengobemi boMzantsi Afrika abona baninzi kwiseshoni yeklasi nganye.

Umfundi kuya kufuneka ohlolwe ukuba awunatyala owake walibanjelwana kodwa lonto ayizukuthintela ukuba isicelo sakho singankeleki.

Staff2021.jpg
bottom of page